Malunga Nathi


I-JustCarHire yeyona arhente inkulu yoqeshiso lwezithuthi eMzantsi Afrika. Saqala ngo-2003 ukunceda ngoqashisiso lwezithuthi kwaye sesibhukishe izithuthi ezi ngaphezulu kwe-60 000+ ukuza kuthi ga ngoku.

I-JustCarHire iyinxalenye yeqela le webhusayithi, eziphantsi kweResAfrica, ebezikhona kwi-intanethi ukusukela ngo-2002. Oku kubandakanya iwebhusayithi edume kakhulu neyaziwayo ye RoomsForAfrica.com kunye ne WiningAndDining.co.za.

Sisebenza kunye neenkampani eziphuma phambili eziqashisa ngeenqwelo-mafutha ukukuzisela ukhetho olukhulu lweezithuthi kuzo zonke iindawo ezinkulu zokuqesha eMzantsi Afrika. Kule minyaka iyi-10 idlulileyo sakha ubudlelwane obuhle neenkampani eziqeshisa ngeenqwelo kwaye isoftware yethu yokubhukisha inxulumanisa ngaphandle kwamaginxiginxi nabathengisi bethu ukuqinisekisa ukuba isithuthi sakho siyafumaneka kwaye sibhukishwe kwangoko - umntu waseMzantsi Afrika kuqala!

Senza kangangoko ukunika abathengi bethu iinkonzo ezilula, eziphephileyo kunye nezi khuselekileyo, nokuba bonelela ngamaxabiso amahle kunye nesihoyo esincomekayo. Sifumaneka lula, kwaye siyakwazi ukunceda ngomnxeba phambi koba uthathe isithuthi okanye xa sele usithathile naxa sele usishiyle isithuthi.

I-JustCarHire isebenza njenge arhente yokucwangcisa ukubhuka kwakho, asiyiyo inkampani eyintloko enikeza ngezithuthi.


JustCarHire Team