Umthetho wabucala


Ngokubanzi

JustCarHire  iyazihlonipha iinkcukacha zakho zangasese kwaye senze le ngxelo yabucala ukuba ibonise ukuzibophelela. Lonke ulwazi olufunyenwe kwi  JustCarHire  webhusayithi ("our Website") luphathwa njengemfihlo. Sicela ulwazi kuwe ukuze sifeze iinkonzo zethu zokukubhukishela, ukwenzela utyelelo lwakho lube nemveliso ngakumbi kunye nokubonelela ngenkonzo engcono.

Umgaqo-nkqubo wethu wabucala ucacisa eminye imibuzo onokuthi ubenayo malunga noku:


  1. Zeziphi iinkcukacha zakho u  JustCarHire  azifunayo kwaye zisetyenziswa njani?

    Akunyanzelekanga ukuba unikeze  JustCarHire  ngeenkcukacha zakho ude ube ukhetha ukufaka umbuzo kwi-intanethi okanye ukubhuka. Iinkcukacha esiziqokelela kubathengi bethu zisinceda ekuphuculeni inkonzo yethu kuwe ngamaxesha onke. Iindidi zeenkcukacha esiziqokelelayo zibandakanya:

    • Iinkcukacha osinika zona

      Sigcina nayiphi na inkcukacha oyifakayo kwi webhusayithi yethu okanye osinika yona nangezinye iindlela. Uninzi lwalenkcukacha luyafuneka ukuze sikwazi ukufezekisa umnqweno wakho wokubhukisha nokuqhagamshelana nawe. Ungakhetha ke ukungasiniki iinkcukacha ezingezinye kodwa unganga kwazi ukusebenzisa iwebhusayithi yethu ngokupheleleyo.

    • Ulwazi lwentsebenziswano nomsebenzisi we webhusayithi

      Ukunceda ubonelelo lwenkonzo engcono, sihlala sijonga ukubaluleka kokusebenza kakuhle kwewebhu kunye nonxibelelwano kunye nawe. Oku kubandakanya ukuba zeziphi izahlulo zewebhusayithi zethu ezamkelweyo nezinokuphuculwa.

    • Ulwazi oluvela kweminye imithombo

      Singazifumana iinkcukacha ngawe kwamanye amazikomanyano sizifake kwingxelo-lwazi lwethu. Umzekelo kunokubandakanya iiarhente zamakhadi okuthenga ngetyala, iinkampani eziqeshisa izithuthi kunye neenkonzo zekhuriya oku ukusinceda ukufezekisa ukubhukisha kwangoku kunye nolwexesha elizayo kunye sinqande ubuqhetseba.

    • Ulwazi oluzenzekelayo

      Ukongeza kulwazi onokuthi usinike lona, uLwazi oluthile luqokelelwa ngokuzenzekela ngalo lonke ixesha unxibelelana neWebhusayithi yethu. Umzekelo siqokelela ulwazi lobuchwephesha olufana nenkqubo-ntsebenzo oyisebenzisayo kunye nohlobo lwebrawuza kunye nohlobo lwayo, esithi silusebenzise ukuze siqinisekise ukuba iWebhusayithi yethu iyongeza kwiimfuno zobugcisa zabasebenzisi bethu.

  2. Uye u  JustCarHire  abelane nabani ngolwazi alufumanayo?

    Ulwazi ngabathengi bethu luyinxalenye ebalulekileyo yeshishini lethu, kwaye asikho kwishishini lokuthengisela ezinye iinkampani ngololwazi. Sizokwabelana ngolwazi lwabathengi kuphela njengoko kuchaziwe ngezantsi kunye namalungu eqela lethu, abelana ngemigaqo-nkqubo efanayo yabucala.

    • Ababoneleli bezithuthi

      JustCarHire  akanikezi ngazo zonke iinkcukacha zakho kwiinkampani eziqeshisa ngezithuthi ozikhethileyo uba uzibhukishe. Sinikeza ngeenkcukacha ezimbalwa zakho, ezo zifunekayo ukuba ukwazi ukubhukishelwa.

    • Amanye amaziko esisebenza nawo

      Sinokuqasha okanye sisebenzise ezinye iinkampani kunye nabantu ukwenza umsebenzi egameni lethu. Oko kuzofuna ukuba babe nokufikelela kwiinkcukacha zakho ezifunekayo ukwenza imisebenzi yabo.

    • Uhlenga-hlengiso lweshishini

      Kungakho imfuneko yokuba sihlengahlengise iinkqubo zeshishini ngokuba sithengise enye okanye nangaphezulu zeshishini lethu okanye inxalenye yalo. Kwinkqubo enjalo, sinokudlulisela iiNkcukacha zakho kwiqela lesithathu njengenxalenye yodityaniso, yenzuzo, yokuhlelwa ngokutsha, okanye ukuthengiswa. Ukuba kunjalo, siza kukwazisa ngezi nguqu.

    • Njengoko kufuneka ngokomthetho nangokomgaqo

      Sinokuveza i-akhawunti okanye ezinye iinkcukacha kumaqela esithathu xa sikholelwa ukuba kunyanzelekile ukuba sihambisane nemithetho efanelekileyo, imiyalelo okanye imigaqo, imimmiselo nemiqathango, amalungelo ethu, izivumelwano zesibophelelo, ipropathi kunye nokhuseleko lwabasebenzi okanye abasebenzisi be webhusayithi yethu kunye ukhuseleko kubuqhophololo kwiWebhusayithi yethu.

    • Nge Mvume Yakho

      Ngaphandle koku kuchazwe ngasentla, asizothengisa, siqashise okanye sitshintshisane ngeenkcukacha kumaqela esithathu ngenjongo zokuzithengisa ngaphandle kwemvume yakho kwaye uzobanalo ithuba lokukhetha ukungabelani ngeenkcukacha zakho.

  3. Ingaba ii  JustCarHire  yenza ntoni ukukhusela iinkcukacha ezifumanayo?

    Iwebhusayithi yethu inamanyathelo akhoyo okhuseleko lwelahleko, ukusetyenziswa gwenxa kunye notshintsho lweenkcukacha ngokulawulekileyo. Ulwazi lwakho lwekhadi lebhanki letyala luhanjiswa kuphela kwiseva ekhuselekileyo kwaye alusoze luthunyelwe nge-imeyile. Le seva ekhuselekileyo ikhuselwe lukhuselo lwe Secure Socket Layer (SSL). I-SSL yiteknoloji esemgangathweni eyamkelweyo yehlabathi jikelele esetyenziselwa ukufihla iinkcukacha zakho ngexesha lwentengiselwano.

  4. Kwenzekani ngee links ezi kwi webhusayithi zamaqela esithathu?

    Amanye amakhasi kwi webhusayithi yethu abandakanya ukusebenza ekuqaleni, kunye nokunxibelelana ukuya, kwii-webhusayithi zamaqela esithathu njengeMephu zikaGoogle, uFacebook kunye no-Twitter. Ezi webhusayithi zilawulwa ziingxelo zazo zabucala, kwaye thina asinaxanduva ekusebenzeni kwazo, kubandakanya ukusebenzisa kwazo iinkcukacha zakho. Sikucebisa ukuba ujonge ingxelo yabo yabucala ngaphambi kokuba ubanike iinkcukacha zakho.

  5. Ii   JustCarHire  Inxibelelana njani nam?

    Sisebenzisa iinkcukacha osinika zona ukulungiselela ukuhanjiswa kwesithuthi kunye neenkonzo ezinxulumene noko. Oku kunyanzelisa ukuba sinxibelelane nawe ngalo mbandela. Iindlela zethu esizithandayo zonxibelelwano kunye nawe ku nge-imeyile, usebenzisa idilesi ye-imeyile osinike yona. Okanye ukuba ngaba kuvela isidingo, njengokubhukisha ngomzuzu wokugqibela, siya kuqhagamshelana nawe ngomnxeba, usebenzisa inombolo yoqhakamshelwano osinike yona.

    Singathi sinxibelelana nawe ngokubanzi, ukuphendula imibuzo yakho, ukukwazisa ngezibonelelo ezikhethekileyo onokuthi ube nomdla kuzo, sikuncede, ukwazi nokusombulula imbambano kunye nolunye unxibelelwano lokusebenzisa i-webhusayithi yethu. Incwadi-ndaba kunye neminikelo ekhethekileyo yenza kube lula kuwe ukuba usebenzise amathuba akhethekileyo kwiWebhusayithi yethu. Sinethemba lokuba uya kuzifumana ezi ii-imeyile zinolwazi. Uya kuba nethuba lokukhetha ukungazifumani ii-imeyile kuyo nayiphi na i-imeyile enjalo esiyithumelayo. Sifuna ukunxibelelana nawe kuphela ukuba ufuna ukuva kuthi.


Uhlaziyo lwalo mgaqo-nkqubo wabucala

Ukuba unayo nayiphi na imibuzo malunga nale ngxelo yabucala okanye izenzo ze  JustCarHire  webhusayithi, nceda uqhagamshelane nathi sikwazi ukuzama ukunceda. Nceda uqaphele, singawujonga kwakhona umgaqo-nkqubo wethu wabucala ngamaxesha athile, kwaye sinokwenza notshintsho lwexeshana kulo mgaqo-nkqubo. Siya kukwazisa ngotshintsho lwezinto kulo Mgaqo-nkqubo wabucala ngokuthumela i-imeyile kwidilesi osinike yona okanye ngokubeka isaziso kwiwebhusayithi yethu.

Enkosi ngokufunda iZaziso zethu zabucala.