Iingcebiso ngokhenketho kunye nemibuzo ebuzwa qho

hidden div PDF file

Apha ngezantsi uyakufumana eyona mibuzo ibuzwa rhoqo ngabathengi bethu. Nceda ungathandabuzi ukuqhagamshelana nathi ukuba ufuna ulwazi olophangaleleyo nge kwoti yakho kunye nenkqubo yokubhukisha

Kukuthini ukwenza ubhukisho olu ndlela nye (One Way)?
Uqesho apho isithuthi sithathwa kwindawo ethile sibuyiselwe kwenye indawo eyahlukileyo. uNdlela Nye wasekhaya wenzeka kwimida yaseMzantsi Afrika (umz. uthatha isithuthi eKapa uyosishiya eThekwini). uNdlela-Nye Waphesheya wenzeka xa isithuthi sibuyiselwa kwisebe eli ngaphandle kwemida yaseMzantsi Afrika (umz. uthathe isithuthi kwisebe elise Mzantsi Afrika usishiye eNamibia).
Yintoni mileage engenamkhawulo?
Akukho sithintelo malunga nenani leekhilomitha ezinokuqhutywa kwisithuthi esiqeshiswayo. Awuhlawuliswa ngee km's eziqhutywayo.
Ingaba ndiyalidinga na ipepha-mvume lomqhubi wamazwe aphesheya?
Umnikezi-sithuthi angazamkela iimpepha zokuqhuba zelinye ilizwe, ukuba nje zibhalwe ngesi-Ngesi kwaye kunefoto kuzo. Kodwa ke ngelishwa iiTrafiki zoMzantsi Afrika, amaPolisa kunye neNkampani yeinshorensi bafuna iimpepha-mvume zamazwe aphesheya kuphela. Ngoko ke sicebisa bonke abathengi bethu bamazwe aphesheya ukuba babe neempepha zokuqhuba zelizwe jikelele.
Sinjani isimo okanye imeko yesithuthi esiqeshiweyo?
Zonke izithuthi ziphantse zanonyaka ubudala kwaye iikhilomitha zazo azifikanga ku 30 000km. Izithuthi zikwimeko entle nelungileyo njengoko iinkampani eziqeshisayo zenza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba bonke abathengi bayazonwabela iinkonzo zabo kunye nonelisekho.
Ibalwa njani imali yosuku yokuqasha isithuthi?
Uqesho lubalwa ngokwe yure eziyi-24 ususela ngemini nexesha lokuthatha isithuthi ukuya kwixesha nomhla wokusibuyisa. Ubuncinci bexabiso buqala kwi yure eziyi-24 (usuku olunye).
Ndizongeza njani iintsuku zengqesho lwesithuthi?
Uba unqwenela ukongeza iintsuku, nceda tsalela u   JustCarHire  ngexesha lokusebenza (ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu 08:30 ukuya ku 17:00) ngomnxeba okanye nge-imeyile ukuze ukwazi ukufumana la maxabiso mahle ancitshisiweyo. Ukuba ulongezo lweentsuku ulenza ngqo kunye nomnikezi-sithuthi, uyakuhlawuliswa ixabiso eliphezulu. Ukusilela ekuthobeleni le nkqubo kuya kukhokelela ekuqhubeni isithuthi sibe ngaphandle kwe Collision Damage Waiver kunye / okanye Theft Protection kunye ukuqhuba ngaphandle kwemvume esemthethweni.
Ingaba liyadingeka ikhadi lebhanki letyala (credit card) ukuqasha isithuthi okanye ndingabhatala ngemali?
Ingqasho yesithuthi ivunyelwa kubathengi abanamakhadi etyala eebhanki ezinkulu; ooAmerican Express, Diners Club, Visa kunye ne MasterCard. Siyaxolisa kodwa idipozithi ezinkozo zemali azamkelwa.
Kufuneka ndibeneminyaka emingaphi ukuze ndikwazi ukuqasha isithuthi? JustCarHire
Ubuncinci beminyaka babaqhubi iphakathi kwe-21 kunye ne-23, oku kuxhomekeke kumnikezi-sithuthi. Akukho minyaka imisiweyo yobudala. Abaqhubi kufuneka babe baneempepha ezisemthethweni zokuqhuba. Umqhubi unyanzelekile ukuba abenempepha zakhe kuye ngamaxesha onke eqhuba.
Yintoni ubambo-mali okanye idipozithi
Ubambo-mali sisixa esibanjwa kwi khadi lakho letyala lebhanki xa uyothatha isithuthi. Esisixa asifani, kuye kuxhomekeke kuhlobo lwesithuthi osibhukishileyo kunye ne inshorensi oyithathileyo.
Xa ubuyisa isithuthi umkikezi-sithuthi uye akwenzele i-invoyisi apho baye batsale iindleko ezongezelekileyo ngokukhethwe nguwe kunye nemali yokugcwalisa itanki lepetroli basokugqiba bakhulule imali eshiyekileyo kwela bambo-mali.
Ndingakwazi ukubhukisha isithuthi ngekhadi letyala lebhanki lweshishini?
Thina, singu   JustCarHire,  siyawavumela amakhadi etyala ebhanki amashishini. Kodwa, ngosuku lokuthatha isithuthi, umqhubi unyanzelekile ukuba abenekhadi letyala lebhanki elisegameni lakhe ukuze umniki sithuthi asikhulule isithuthi kumqhubi.
Ndingakwazi ukubhukisha isithuthi kodwa ndingayithathi i-inshorensi?
Ngelishwa awukwazi. i-Inshorensi ye Standard Cover iyadingeka njengoko kuthintela uxanduva kumqeshi kwimeko yengozi okanye ukubiwa kwemoto.
Ndikurhoxa njani ekubhukisheni kwaye ndizoyifumana na imbhuyekezo?
Zonke izicelo zokurhoxa kufuneka zenziwe ngokutsala umxeba okanye ngoku imeyilela ku  JustCarHire.  Nceda uqinisekise ukuba uyasinika inombolo yakho yokubhukisha. Akukho ntlawulo xa kurhoxa okanye umrhumo ngokwenza izilungiso, kwaye uzokuyibuyiselwa iphelele imali yakho.
Ukuba awuyanga uyokuthatha isithuthi kukho intlawulo engange R250 okanye umrhumo wosuku olunye obhatalekayo ukuba  JustCarHire  awumchazelanga ngokurhoxa kwakho phambi kwexesha lokuthatha isithuthi.
Ingaba iPetroli okanye amafuthi abandakanyiwe kwi mali yengqesho yam?
Isithuthi ngasinye siphuma netanki eligcweleyo aze umqhubi abhatalele ugcwaliswa kwaso xa esibuyisa. Isithuthi ngasinye siye sigcwaliswe ngumniki sithuthi xa isithuthi sibuyiswa noba igeji yamafuthi ubonisa ukuba isithuthi sigcwele.
Yintoni iPersonal Accident Insurance (PAI)
iPersonal Acident Insurance ikhusela umqeshi kunye nabakweli xa benothi bafumane ingozi ngexesha lokuqesha isithuthi njengomqhubi okanye umkhweli. Ibandakanya ukusweleka ngengozi, ezinye iindleko zonyango kunye noncedo kunye nokuhlangula. Le inshorensi yakho asiyiyo i-inshorensi yesithuthi.
Yintoni umehluko phakathi kwe Standard kunye ne Super Insurance Cover?
iStandard Cover Insurance ngeyona inshorensi iphantsi edingekayo yokuqasha isithuthi. Kuzobakho intlawulo ye excess ebhatalwayo xa isithuthi sinokubiwa okanye sonakale. Okunye, umonakalo kwiWindscreen, amavili kunye ne under-carriage azi bandakanywanga kule inshorensi.
iSuper Cover ngeyona inshorensi iphezulu onoyikhetha kwaye akukho ntlawulo ibhatalwayo ye excess. iSuper Cover inekeza umqeshi intlawulo esezantsi ye excess xa isithuthi sinobandakanyeka engozini okanye sibiwe.
Kwenzeka ntoni xa isithuthi sinokubiwa okanye simoshakale?
Xa isithuthi sinokubiwa okanye sonakale (umonakalo noba umncinci okanye umkhulu kangakanani), funeka uyochaza emapoliseni ukuze ufumane inombolo yetyala elo. Funeka umnikezi-sithuthi umazisile naye. Ukusilela ukwenza njalo kuya kukhokelela ekubeni i-inshorensi yakho ingasebenzi kuthethe ukuba funeka uhlawulele ukubiwa okanye ukumoshakala kwesithuthi.
Ndingayihlawula yonke imali yengqesho ngosuku endithatha ngaso isithuthi?
JustCarHire  yi arhente kuphela. Sihlawulisa imali yokuqesha isithuthi ngoko nangoko xa sikunika isiqinisekiso sesithuthi osifunileyo. Umnikezi-sithuthi yena uzokuhlawulisa intlawulo yezinto ezongeziweyo xa ubuyisa isithuthi.
Siyakwazi ukufuna umbala othile wesithuthi?
Siyakwazi ukufaka isicelo sombala othile kodwa asikwazi ukunikeza isiqinisekiso, kuba kuxhomekeke ukuba kukho isithuthi esinjani ngexesha oyokuthatha ngalo isithuthi.
Nceda qaphela: uninzi lwezithuthi zimhlophe.